1 YeziKronike 2:1-55 XHB1859 - Bible AI

1Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon,

2noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.

3Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.

4UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.

5Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.

6Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu.

7Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi.

8Oonyana bakaEtan nguAzariya.

9Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi.

10URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.

11UNashon wazala uSalima;

12uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.

13UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,

14noNataniyeli owesine, noRadayi owesihlanu,

15no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.

16Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu.

17UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.

18UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.

19Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.

20UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.

21Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.

22USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.

23UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.

24Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa.

25Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya.

26UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.

27Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.

28Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.

29Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili; wamzalela uAbhan, noMolidi.

30Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.

31Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.

32Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.

33Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.

34USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.

35USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.

36UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.

37UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede;

38uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;

39uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;

40uElasa wazala uSisamayi; uSisamayi wazala uShalum;

41uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.

42Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.

43Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

44UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekem wazala uShamayi.

45Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.

46UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.

47Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.

48UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;

49wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.

50Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyati-yeharim;

51uSalima, uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere.

52UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti.

53Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli.

54Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora.

55Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi.

ticle>