1 YeziKronike 3:1-24 XHB1859 - Bible AI

1Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;

2owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti;

3owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.

4Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.

5Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli;

6nguIbhehare, noElishama, noElifelete,

7noNoga, noNefege, noYafiya,

8noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.

9Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare.

10Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;

11nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;

12nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;

13nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;

14nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.

15Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine.

16Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.

17Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe,

18noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

19Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;

20noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.

21Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.

22Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.

23Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.

24Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.

ticle>