2 YeziKronike 14:1-15 XHB1859 - Bible AI

1UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.

2UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.

3Wazisusa izibingelelo neziganga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.

4Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.

5Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda iziganga, neentsika zelanga; bazola ubukumkani phambi kwakhe.

6Wakha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.

7Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.

8Ke kaloku uAsa wayenempi ephatha amakhaka nezikhali: kwaYuda ingamakhulu amathathu amawaka; nakwaBhenjamin, abaphatha iingweletshetshe nabatyeda izaphetha babengamakhulu, amabini anamanci asibhozo amawaka. Bonke abo babengamagorha anobukroti.

9Kwaphuma kwaza kulwa nabo uZera umKushi, enempi eliwaka lamawaka, neenqwelo zokulwa ezimakhulu mathathu; wada weza eMaresha.

10Waphuma uAsa esiya kumhlangabeza, bakha izintlu emfuleni weTsefata eMaresha.

11UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Sincede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayame ngawe, size kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, unguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.

12UYehova wawaxabela amaKushi phambi koAsa, naphambi kwamaYuda; asaba ke amaKushi.

13UAsa nabantu ababenaye bawasukela, bada besa eGerare; oyiswa amaKushi ngokokude angabi nakubuya aphethule; ngokuba aqotywa phambi koYehova, naphambi komkhosi wakhe; bemka nexhoba elininzi kunene.

14Bayingenela yonke imizi ngeenxa zonke eGerare; ngokuba yafikelwa kukunkwantyiswa nguYehova. Bayiphanga yonke imizi; ngokuba amaxhoba ayemaninzi kuyo.

15Batshabalalisa neentente zemfuyo, bathimba impahla emfutshane yaninzi, neenkamela; babuya ke baya eYerusalem.

rticle>