IiNdumiso 1:1-6 XHB1859 - Bible AI

1Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!

2Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:

3Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.

4Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya.

5Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa.

6Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.

>