1Umhobe wombingelelo wokubulela. Dumani kuYehova, nonke hlabathi.
2Mkhonzeni uYehova nivuya; Yizani phambi kwakhe nimemelela.
3Yazini ukuba uYehova nguThixo yena; Wasenza yena, asisithi; Singabantu bakhe nezimvu ezaluswa nguye.
4Ngenani emasangweni akhe nibulela, Ezintendelezweni zakhe nidumisa; Bulelani kuye, bongani igama lakhe.
5Ngokuba uYehova ulungile, Inceba yakhe ingunaphakade, Ukunyaniseka kwakhe kukwizizukulwana ngezizukulwana.