1Umthandazo wolusizana xa atyhafileyo, ephalaza iinkalazo zakhe phambi koYehova. Yehova, wuve umthandazo wam, Kufike kuwe ukuzibika kwam.
2Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam, Ndithobele indlebe yakho; Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.
3Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi; Amathambo am avutha njengeziko.
4Ibethwe yoma njengomfuno intliziyo yam, Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam.
5Ngenxa yezwi lokugcuma kwam Amathambo am atshele enyameni yam.
6Ndifana nengcwangube yentlango, Ndinjengesikhova sasemanxoweni.
7Andilali; Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.
8Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam, Abandigezelayo bathuka ngam.
9Ngokuba ndidle uthuthu njengesonka, Into endiyiselayo ndiyiphithikeze nezililo,
10Ngenxa yokubhabhama kwakho noburhalarhume bakho; Ngokuba undifunqule wandilahla.
11Imihla yam injengokoluka kwamathunzi; Mna ndomile njengomfuno.
12Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade, Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.
13Uya kusuk ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane; Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.
14Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo, Uthuli lwayo banofefe ngalo.
15Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova, Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;
16Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova, Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.
17Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo, Akawudela umthandazo wabo.
18Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo, Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.
19Ngokuba uqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele; Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,
20Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo, Abakhulule oonyana bokufa;
21Bancokole eZiyon ngegama likaYehova, Ngendumiso yakhe eYerusalem;
22Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye, Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.
23Uwathobile endleleni amandla am, Uyinqamle imihla yam.
24Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam. Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho.
25Waliseka kudala ihlabathi; Lisisenzo sezandla zakho izulu.
26Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume; Zona zonke ziya konakala njengengubo, Wozigugisa njengesambatho, ziguge;
27Ke wena uhleli unguwe, Iminyaka yakho ayinakuphela.
28Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala, Imbewu yabo izimaseke phambi kwakho.