1Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.
2Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.
3Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.
4Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova.
5Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.
6Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga.
7Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.
8Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.
9Ubathumele abantu bakhe inkululeko; Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe; Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe.
10Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi.