1Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!
2Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.
3Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe; Ubulungisa bakhe buhlala bumi.
4Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye, Benobabalo, nemfesane, nobulungisa.
5Unoyolo umntu obabalayo, aboleke; Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.
6Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.
7Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.
8Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
9Uyahlakaza, upha amahlwempu; Ubulungisa bakhe buhlala bumi, Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.
10Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe, Atshixize amazinyo, anyibilike; Umnqweno wongendawo uyadaka.