1Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa, Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,
2UYuda waba yingcwele yakhe, USirayeli waba sisikumkani sakhe.
3Ulwandle lwabona, lwasaba, IYordan yabuya umva.
4Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha; Iinduli, njengamatakane omhlambi.
5Ubunani na, lulwandlendini, ukuba usabe? Wena Yordan, ukuba ubuye umva?
6Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha? Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?
7Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi, Ebusweni boThixo kaYakobi;
8Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi, Iqhwitha libe yimithombo yamanzi.