1Ingoma yezinyuko. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova, Abahamba ngeendlela zakhe!
2Ukuxelenga kwezandla zakho inene uya kukudla, Uya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.
3Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo Endlwini yakho ngaphakathi; Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma Ngeenxa zonke esithebeni sakho.
4Yabona, unjalo ukusikelelwa umfo Omoyikayo uYehova.
5Makakusikelele uYehova eZiyon. Uyibone iYerusalem inenyhweba Yonke imihla yobomi bakho;
6Ubone abantwana babantwana bakho. Malube luxolo kuSirayeli.