1Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
3Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
4KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
5KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
6KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
7KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
8Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
9Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
10Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
11Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
12Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
13KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
14Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
15Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
16Kulohambisa abantu bakhe entlango: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
17Kulowaxabela ookumkani abakhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
18Wabulala ookumkani abaziingangamsha: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
19USihon, ukumkani wama-Amori: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
20No-Ogi, ukumkani waseBhashan: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
21Walinikela ilizwe labo laba lilifa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,
22Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
23Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
24Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
25Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
26Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.