IiNdumiso 138:1-8 XHB1859 - Bible AI

1EkaDavide. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke; Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi.

2Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele, Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho; Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.

3Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula, Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.

4Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi, Bakuweva amazwi omlomo wakho;

5Bavume ngeendlela zikaYehova, Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:

6Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, uyambona othobekileyo; Ke yena oziphakamisayo umazi nakude.

7Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, uyandiphilisa; Wosolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho, Sindisindise isandla sakho sokunene.

8UYehova uya kundifezela. Yehova, inceba yakho ingunaphakade, Izenzo zezandla zakho musa ukuziyekela.

le>