1Kumongameli. EkaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo; Akukho wenza okulungileyo.
2UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Oquqela kuThixo.
3Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.
4Abanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uYehova?
5Apho bankwantya benkwantyile; Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa.
6Icebo losizana ningalidanisa, Kodwa uYehova ulihlathi lalo.
7Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.