IiNdumiso 146:1-10 XHB1859 - Bible AI

1Haleluya! Mdumise uYehova, mphefumlo wam.

2Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi; Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo.

3Musani ukukholosa ngamanene, Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.

4Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.

5Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi, Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe:

6KuMenzi wezulu nomhlaba, Nolwandle neento zonke ezikulo; Kulogcina inyaniso ngonaphakade;

7Kogweba ityala labacudiswayo; Kopha abalambileyo ukudla; KuYehova okhulula ababanjwa;

8KuYehova ovula amehlo eemfama; KuYehova ophakamisa abagobileyo; KuYehova othanda amalungisa;

9KuYehova ogcina abaphambukeli; Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi, Ayiphethule indlela yabangendawo.

10UYehova ungukumkani ngonaphakade, UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana. Haleluya!

cle>