IiNdumiso 147:1-20 XHB1859 - Bible AI

1Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.

2Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.

3Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;

4Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama.

5Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo.

6Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni.

7Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu.

8Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;

9Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo.

10Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;

11UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe.

12Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:

13Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.

14Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.

15Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;

16Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,

17Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?

18Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.

19Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.

20Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!

cle>