1Haleluya! Dumisani uYehova emazulwini; Mdumiseni ezindaweni eziphezulu.
2Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe; Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;
3Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga; Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya;
4Mdumiseni, mazulu awo amazulu, Nani, manzi angaphezu kwezulu.
5Mazilidumise ezo nto igama likaYehova; Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa.
6Wazimisa ngonaphakade kanaphakade, Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha.
7Dumisani uYehova ehlabathini, Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:
8Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi; Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;
9Nina zintaba, nani zinduli nonke, Nina mithi eneziqhamo, nani misedare nonke;
10Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke, Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;
11Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke, Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;
12Umlisela kwanomthinjana, Amadoda amakhulu kunye nabafana:
13Mabalidumise igama likaYehova, Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.
14Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo, Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke, Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye. Haleluya!