1EkaDavide. Ndidanduluka kuwe, Yehova; Liwa lam, musa ukuzenza isithulu; Hleze, wakuthi cwaka kum, Ndifane nabahla baye emhadini.
2Yiva izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe, Ekuziphakamiseleni kwam izandla zam kwingcwele kangcwele.
3Musa ukundiqweqwedisa nabangendawo, Nabenzi bobutshinga; Abathetha uxolo kummelwane wabo, Benobubi ezintliziyweni zabo.
4Banike ngokwemisebenzi yabo, ngokobubi beentlondi zabo; Banike ngokwezenzo zezandla zabo; Babuyisele ngokwempatho yabo.
5Ekubeni bengayiqondi imisebenzi kaYehova, Nezenzo zezandla zakhe, Uya kubagungxula, angabakhi.
6Makabongwe uYehova, Kuba elivile ilizwi lokukhunga kwam.
7NguYehova amandla am nengweletshetshe yam; Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka. Iyadlamka ke intliziyo yam, Ndiyamdumisa ngengoma yam.
8UYehova ungamandla kubo; Uligwiba losindiso kumthanjiswa wakhe yena.
9Sindisa abantu bakho, Usikelele ilifa lakho, Ubaluse, ubathwale kude kuse ephakadeni.