1Umhobe: ingoma yokusungulwa kwayo indlu. EkaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa, Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.
2Yehova, Thixo wam, Ndazibika kuwe, wandiphilisa;
3Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam, Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.
4Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele,
5Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela.
6Ke mna ndathi ebunqobeni bam, Andiyi kushukunyiswa naphakade.
7Yehova, enkolosekweni yakho ubuyiqinisile intaba yam; Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.
8Ndadanduluka kuwe, Yehova, Ndakhunga kuYehova:
9Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?
10Yiva, Yehova, undibabale; Yehova, yiba ngumncedi wam.
11Wakuguqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba; Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,
12Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungathi cwaka. Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.