IiNdumiso 39:1-13 XHB1859 - Bible AI

1Kumongameli, kuYedutun. Umhobe kaDavide. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam, Ndingoni ngolwimi lwam; Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam, Xa ongendawo asephambi kwam.

2Ndaba sisidenge, ndathozama, Ndazisulungisa nakokulungileyo; Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam.

3Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam, Ekucamangeni kwam wavutha umlilo. Ndathetha ke ngolwimi lwam,

4Ndathi, Ndazise, Yehova, isiphelo sam, Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo; Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.

5Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho; Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)

6Uhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa; Baxokozela ngomphunga nje kodwa; Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.

7Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam? Ukulinda kwam kukuwe.

8Ndihlangule elukreqweni lwam lonke; Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.

9Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli, Ngokuba oko kwenziwe nguwe.

10Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.

11Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)

12Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke.

13Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze, Ndingekemki ndingabi sabakho.

le>