1Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.
2Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.
3Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu.
4Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)
5UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.
6Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!
7Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa.
8UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.
9Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena.