1Kumongameli: ngogwali. Umhobe kaDavide. Wabekele indlebe amazwi am, Yehova, Kuqonde ukucamanga kwam.
2Libazele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam; Ngokuba ndithandaza kuwe.
3Yehova, uya kuliva izwi lam kwakusasa, Kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele.
4Ngokuba wena akunguThixo onanze okungendawo, Akanakuphambukela kuwe onobubi.
5Abanakuma abaqhayisi phambi kwamehlo akho; Uyabathiya bonke abasebenzi bobutshinga.
6Uyabatshabalalisa abathetha amanga; Indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova.
7Ke mna, ndinokungena endlwini yakho ngenceba yakho eninzi, Ndiqubude, ndibhekise etempileni yakho engcwele ngokukoyika.
8Yehova, ndikhaphe ngobulungisa bakho ngenxa yabandilaleleyo; Yilungelelanise indlela yakho phambi kwam.
9Ngokuba emlonyeni wabo akukho nto imiyo, Umbilini wabo ngumeyeliselo; Lingcwaba elivuliweyo umqala wabo; Bathetha okugudileyo ngolwimi lwabo.
10Bathwalise ityala, Thixo; Makatshitshe amaqhinga abo; Elukreqweni lwabo oluninzi batyhale, Ngokuba bakuphikisile.
11Mabavuye bonke abazimela ngawe, Bamemelele ngonaphakade, ubakhusele; Badlamke ngawe abalithandayo igama lakho.
12Ngokuba wena uyalisikelela ilungisa, Yehova, Ulihlanganisele ngenkoliseko njengekhaka.