1Kumongameli. Eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Eyokuqiqa: ekaDavide. Wubekele indlebe umthandazo wam, Thixo, Musa ukuzifihla esikhungweni sam.
2Ndibazele indlebe undiphendule. Ndiyaphaphatheka ekucamngceni kwam, ndincwine,
3Ngenxa yelizwi lotshaba, Ngenxa yokuxinzelelwa phantsi ngabangendawo; Ngokuba zindiqengqela ubutshinga, Ziyandisukela ngomsindo.
4Intliziyo yam iyazibhija-bhija phakathi kwam; Izothuso zokufa zindiwele.
5Ukoyika nokuthuthumela kundingene; Ndigutyungelwe kukududuzela.
6Ndathi, Andaba bendinamaphiko njengehobe! Bendiya kubaleka ndiye ndihlale!
7Nanko ndibalekela kude, Ndilalise entlango. (Phakamisani.)
8Bendiya kukhawuleza, ndisinde Emoyeni ovuthuzayo naseluqhwitheleni.
9Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo; Ngokuba ndibone ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.
10Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo; Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;
11Ukweyelisela kuphakathi kwawo; Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.
12Ngokuba asilutshaba olu lundingcikivayo; Bendiya kukuthwala oko. Asingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum; Bendiya kusithela kuye.
13Nguwe, mntu ubungumlingane wam, Ikholwane lam endazana nalo,
14Ebesicweya kamnandi, Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.
15Ukufa makubaqubule, Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile; Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.
16Mna ndinqula uThixo; UYehova uya kundisindisa.
17Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine; Uya kuliva izwi lam.
18Uwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum, Ngokuba baninzi abandichasayo.
19UThixo uya kuva, abaphendule, Uselokwamandulo ehleli, (Phakamisani.) Abo bangenanguquko, Bangamoyikiyo uThixo.
20Babasa isandla abaxolelene nabo; Bahlambela umnqophiso wabo;
21Ubuthelezi njengamasi umlomo wabo, Ke yimfazwe intliziyo yabo. Athambile amazwi abongaphezu kweoli, Kanti aziintlangothi zekrele.
22Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.
23Wena ke, Thixo, uya kubahlisela emngxunyeni wesihogo. Abantu bamagazi nenkohliso abayi kuyiqingathisa imihla yabo; Ke mna ndikholose ngawe.