1Kumongameli; ngeyehobe elithe cwaka phakathi kwabakude. EkaDavide. Eliligugu. Ukubanjwa kwakhe ngamaFilisti eGati. Ndibabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; Bandixinile, besilwa yonke imini;
2Abandilalelayo bandizonda yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.
3Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe.
4Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama?
5Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.
6Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam.
7Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.
8Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?
9Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo; Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.
10Ndilidumisa ngoThixo ilizwi, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.
11Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Unokundenza ntoni na umntu?
12Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.
13Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi.