1Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu. Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo? Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?
2Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha; Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.
3Abangendawo baphambukile kwasesizalweni; Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.
4Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka, Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;
5Ukuze lingaliva izwi labanyangi, Lababopha ngomabophe, beziingcibi.
6Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo; Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.
7Mabaphalale njengamanzi equkuqela; Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.
8Mababe njengenkumba ehamba inyibilika, Njengemva-mbilini yomfazi, engalibonanga ilanga.
9Zingekaziva iintsasa iimbiza zenu, Nokuba ikrwada inyama, nokuba iza kuvuthwa, uyayiqweqwedisa.
10Liya kuvuya ilungisa, lakuyibona impindezelo; Liya kuzihlamba iinyawo zalo egazini longendawo,
11Athi umntu, Inene, ilungisa linesiqhamo; Inene, ukho uThixo ogwebayo ehlabathini.