IiNdumiso 59:1-17 XHB1859 - Bible AI

1Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekuthumeleni kukaSawule, bayilinda indlu ukuba bambulale. Ndihlangule ezintshabeni zam, Thixo wam, Ndise engxondeni kwabasukela phezulu kum.

2Ndihlangule kubasebenzi bobutshinga; Ndisindise ebantwini abanamagazi.

3Ngokuba nabo bewulalela umphefumlo wam; Baqukana ngam abanamandla, Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.

4Ndingenabugwenxa nje, bagidime baxhoba. Vuka, undikhawulele, ubone.

5Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli, Phapha, uzivelele zonke iintlanga; Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengabagqithi. (Phakamisani.)

6Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.

7Nabo belephuza amagwebu ngomlomo; Ngamakrele emlonyeni wabo; Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8Wena, Yehova, uyabahleka, Uyazigculela zonke iintlanga.

9Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

10UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.

11Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu; Babhadulise ngamandla akho, ubawise, Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.

12Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo; Mababanjiswe likratshi labo, Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

13Bagqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho; Baqonde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi, Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.

15Bona babhadulela ukudla; Ukuba bathe abahlutha, balala apho.

16Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho, Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.

17Mandla am, ndiya kukubethela uhadi; Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.

le>