1Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu.
2Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
3Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
4Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.
5Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
6Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
7Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
8Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
9Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela.
10Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.