1Umhobe ka-Asafu. Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli, Kwabantliziyo zinyulu.
2Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam; Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;
3Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo, Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.
4Ngokuba abanazintlungu ekufeni kwabo; Baphilile, batyebile umzimba wabo;
5Ebubini babantu abakho bona; Abakhathazwa njengabanye abantu.
6Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi; Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.
7Amehlo abo avelile kukutyeba; Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.
8Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi; Bathetha iindumbisa zamazwi.
9Bawubeka ezulwini umlomo wabo, Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.
10Ngako oko abantu babo babuyela apha; Bafinca amanzi amaninzi.
11Bathi, Unokuthini na ukwazi uThixo? Kukho ukwazi na kOsenyangweni?
12Yabona abangendawo abaya Banokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.
13Sifumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti, Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;
14Ndakhathazeka imini yonke, Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.
15Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha, Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.
16Ndathi ke ndakucinga ukuba ndikwazi oko, Kwayinkohla emehlweni am;
17Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo, Ndakugqala ke ukuphela kwabo.
18Inene, ubamise ezindaweni ezibuthelezi, Wabawisa baba yintshabalala.
19Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo; Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.
20Njengephupha ekuqabukeni komntu, Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wowudela umfanekiso wabo.
21Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo, Ndahlabeka ezintsweni,
22Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi; Ndoba ke ndisisilo kuwe.
23Mna ke ndihlala ndinawe; Undibambile ngesandla sam sokunene;
24Uya kundikhapha ngecebo lakho. Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko.
25Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.
26Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.
27Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka; Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe.
28Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum, Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova, Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.