IiNdumiso 75:1-10 XHB1859 - Bible AI

1Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela; Lisondele igama lakho; Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.

2Ngokuba uthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo, Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.

3Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo; Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)

4Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa; Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;

5Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu, Ningathethi ngokusa, nolule intamo.

6Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga, Nasentlango yeentaba.

7Hayi, nguThixo ogwebayo; Uyamthoba lo, amphakamise lowa.

8Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.

9Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;

10Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa, Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.

le>