1Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise; Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina.
2Ubuncwane bokungendawo abunyusi; Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni.
3UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa; Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza.
4Uba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo; Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa.
5Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo; Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo.
6Ziintsikelelo entlokweni yelungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
7Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo; Igama labangendawo liba livithi.
8Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
9Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko; Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa.
10Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
11Lithende lobomi umlomo welungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
12Intiyo ixhokonxa ingxabano; Uthando lugubungela zonke izono.
13Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo; Intonga yeyomhlana woswele intliziyo.
14Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi, Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.
15Ubuncwane besityebi ngumzi waso oliqele; Iintshabalalo yabasweleyo bubuhlwempu babo.
16Umvuzo welungisa usingisa ebomini; Ungeniselo longendawo lusingisa esonweni.
17Umendo osa ebomini kukugcina uqeqesho: Olahla isohlwayo uyandwendwa.
18Oyifihlayo intiyo ungumlomo wexoki; Ohambisa intlebendwane usisidenge.
19Ebuninzini bamazwi akusweleki sono; Owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.
20Yisilivere enyuliweyo ulwimi lwelungisa; Intliziyo yabangendawo yintwana engeyakonto.
21Umlomo welungisa udlisa abaninzi; Izimathane zifa ngokuswela intliziyo.
22Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo, Imbulaleko ayongezi nento kuyo.
23Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge; Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo.
24Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo; Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa.
25Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo; Ke lona ilungisa luseko lwaphakade.
26Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni, Linjalo ivila kwabalithumayo.
27Ukoyika uYehova kongeza imihla; Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.
28Ukulinda kwamalungisa luvuyo; Ithemba labangendawo liyadaka.
29Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova; Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.
30Ilungisa alishukunyiswa naphakade; Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.
31Umlomo welungisa umila ubulumko; Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.
32Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo; Umlomo wabangendawo uyimpenduka.