1Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungile Ngaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.
2Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni, Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.
3Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide; Umcikidi weentliziyo nguYehova.
4Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso, Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.
5Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo; Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.
6Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana; Isihombo soonyana ngooyise.
7Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo; Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.
8Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo, Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.
9Ugubungela isikreqo ofuna uthando; Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.
10Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondo Ngaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.
11Oneenkani ufuna ububi bodwa; Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.
12Kanye qubisana nebhere ehluthwe amathole ayo, Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.
13Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo, Abuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
14Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano; Yiyeke imbambano kungekavunganyewana.
15Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa, Bangamasikizi kuYehova bobabini.
16Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko, Singenantliziyo nje?
17Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; Umzalwana uzalelwe imbandezelo.
18Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla, Ngomela umelo phambi kowabo.
19Uthanda ukreqo othanda ukulwa; Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.
20Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo; Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.
21Ozala isinyabi uzizalela isingqala; Akanaluvuyo uyise wesidenge.
22Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise; Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.
23Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo, Ukuze agqwethe indlela esesikweni.
24Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni; Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.
25Ububuhlungu bukayise unyana osisinyabi; Ububukrakra kumzalikazi wakhe.
26Akulungile ukuhlawulisa nelungisa, Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.
27Owanqandayo amazwi akhe unokwazi: Omoya upholileyo yindoda enengqondo.
28Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko; Singawuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.