1Musa ukubamonela abantu abanobubi; Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo.
2Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.
3Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo;
4Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.
5Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;
6Ngokuba, ukhokelwe bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.
7Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso esangweni.
8Ocinga ngokwenza ububi, Lowo bathi ukumbiza nguMayelenqe.
9Iyelenqe lesimathane sisono; Ulisikizi ebantwini umgxeki.
10Uthe waphelelwa ngemini yembandezelo, Oba ebandezelwe amandla akho.
11Hlangula abasiwa ekufeni; Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.
12Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?
13Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile; Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.
14Bazi ke ubulumko emphefumlweni wakho; Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva, Linganqunyulwa ithemba lakho.
15Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa, Ungasibhuqi isikhundla salo;
16Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke; Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.
17Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;
18Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe, Awubuyise umsindo wakhe kulo.
19Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi, Ungabamoneli abangendawo;
20Kuba umenzi wobubi akayi kuba nakamva; Isibane sabangendawo siya kucinywa.
21Nyana wam, moyike uYehova nokumkani, Ungazibandakanyi nabanokumbi;
22Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?
23Nala mazwi ngawezilumko: Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.
24Othi kongendawo, Ulilungisa wena, Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.
25Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo; Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.
26Wanga imilebe yomlomo Ophendula ngamazwi athe gca.
27Lilungise ishishini lakho phandle, Uzisebenzele entsimini yakho; Emveni koko wakhe indlu yakho.
28Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu; Ungasuka uthomalalise na nangomlomo wakho?
29Musa ukuthi, Njengoko enze ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye, Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.
30Ndagqitha entsimini yendoda elivila, Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,
31Ndafika simile imithuma sonke siphela; Ngaphezulu senile ngamarhawu, Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.
32Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo, Ndabona, ndamkela uqeqesho.
33Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:
34Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi; Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.