ImiZekeliso 29:1-27 XHB1859 - Bible AI

1Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.

2Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.

3Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.

4Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.

5Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.

6Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.

7Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.

8Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.

9Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.

10Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,

11Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.

12Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.

13Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.

14Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.

15Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.

16Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.

17Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.

18Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!

19Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.

20Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.

21Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.

22Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.

23Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.

24Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.

25Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.

26Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.

27Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.

icle>