UHoseya 4:1-19 XHB1859 - Bible AI

1Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.

2Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.

3Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.

4Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.

5Wokhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.

6Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.

7Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.

8Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.

9Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyisele kuye iintlondi zakhe.

10Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.

11Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.

12Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo.

13Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.

14Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang’awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.

15Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.

16Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane.

17UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.

18Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.

19Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.