1Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uze kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.
2Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.
3Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli akagushiwe kum; ngokuba uhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenze inqambi.
4Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, abamazi uYehova.
5Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; bokhubeka ooSirayeli noEfrayim ngobugwenxa babo; wokhubeka nabo kwanoYuda.
6Baya kuya kumfuna uYehova, benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo, bangamfumani; urhoxile kubo.
7Banginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.
8Vuthelani izigodlo eGibheha, nexilongo eRama; wuhlabeni eBhetaven, nithi, Emva kwakho, Bhenjamin.
9Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndisazisile isimakade sesibetho.
10Abathetheli bakwaYuda basuka baba njengabashenxisi bomda; ngoko ke ndophalaza phezu kwabo ubushushu bam njengamanzi.
11UEfrayim uyacudiswa, uyavikiveka ngumgwebo; kuba usuke wavuma ukulandela umthetho wabo.
12Mna ndinjengenundu kwaEfrayim, ndinjengombungu kwindlu kaYuda.
13Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi. Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.
14Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.
15Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi: