UIsaya 15:1-9 XHB1859 - Bible AI

1Isihlabo esisingisele kuMowabhi. Kuba ngobusuku iAri yakwaMowabhi ibhuqiwe, yadaka; kuba ngobusuku ibhuqiwe iKire yakwaMowabhi, yathi shwaka.

2Banyuke baya endlwini naseDibhon, ezigangeni, besiya kulila; phezu kweNebho naphezu kweMedebha uMowabhi uyabhomboloza; zonke iintloko zichetyiwe, zonke iindevu ziguyiwe.

3Ezitratweni zakhe babhinqa ezirhwexayo; phezu kwezindlu zakhona, nasezindaweni zeembutho zakhona, bonke bephela bayabhomboloza, besithi ngxa iinyembezi.

4Iyakhala iHeshbhon ne-Elale, lide laya kuvakala naseYahazi izwi labo; ngenxa yoko abaxhobileyo bakwaMowabhi benza isijwili, umphefumlo wabo uyajijitheka kubo.

5Intliziyo yam iyakhala ngokubona uMowabhi, omivalo ide yesa eTsohare, elithokazi elilizibulokazi; kuba banyuka eqhineni laseLuhiti belila; kuba endleleni yaseHoronayim bakhaliswa kukwaphulwa kwabo;

6kuba amanzi aseNimrim athe qoko; kuba bubunile utyani, luphelile uhlaza, awukho umfuno.

7Ngenxa yoko intwana ebisele, ababeyenzile, ababeyiqwebile, bayayithwala bayiweze esihlanjeni semingculuba.

8Kuba isikhalo siwuzungulezile umda wakwaMowabhi; ukubhomboloza kwakhe kwesa e-Eglayim, kwesa naseBhere-elim ukubhomboloza kwakhe.

9Kuba amanzi aseDimon azele ligazi; ngokuba iDimon ndiyimisela ezinye izinto ezimbi; abasindileyo bakwaMowabhi nabaseleyo emhlabeni ndibamisela ingonyama.

Public Domain, 1859
/div>