UNahum 3:1-19 XHB1859 - Bible AI

1Yeha, umzi wamagazi! Uzele kwaphela luhanahaniso nakukudlavula; akumki kuwo ukuqwenga.

2Isithonga seziniya, nesithonga sokugoqoza kweevili, nokuphala kwamahashe, nokuxhuma kweenqwelo zokulwa;

3abamahashe besenza amagqasi, ukubengezela kwamakrele, nokumenyezela kwezikhali; ukuba baninzi ababuleweyo, izigigaba zabafileyo; ewe, azinakuphela izidumbu; bayakhubeka ezidumbini zabo;

4ngenxa yobuninzi bezihenyuzo zehenyukazi elihle, elinesoya, umnikazi-kukhafula, othengisa iintlanga ngezihenyuzo zakhe, nemizalwane ngokukhafula kwakhe.

5Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozityhila iingubo zakho, ndiziphose phezu kobuso bakho, ndizibonise iintlanga ubuze bakho; ndizibonise izikumkani ukucukucezwa kwakho.

6Ndiya kukugalela ngezinto ezinezothe, ndikwenze inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo.

7Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?

8Uyidlule ngokulunga yini na iNo ka-Amon, eyamisa emijelweni yoMnayile, amanzi engeenxa zonke kuyo; elungqameko lwayo ibilulwandle, udonga lwayo lululwandle?

9Ayengamandla ayo amaKushi kwanamaYiputa, engenakuphela ndawo ke; amaPuti namaLubhi avengabancedisi bayo.

10Nayo ke leyo yafuduswa, yathinjwa, neentsana zayo zacunyuzwa ezimbonjeni zezitrato zonke; amadoda azukileyo kuyo bawenzela amaqashiso; bonke abakhulu kuyo babakhonkxa ngemixokelelwane.

11Nawe lo uya kunxila, uya kufihlakala; nawe lo uya kufuna igwiba ngenxa yotshaba.

12Zonke iinqaba zakho ziyimikhiwane enamakhiwane aqalelayo; ukuba avuthululwe, owa emlonyeni wowadlayo.

13Yabona, abantu bakho bangamankazana phakathi kwakho apho; avulekile amasango elizwe lakho, avulekela iintshaba zakho; umlilo utshisa imivalo yakho.

14Zikhelele amanzi angqingo, qinisa iinqaba zakho; ngena eludakeni, uxovule udongwe; lungisa iziko lokutshisa izitena.

15Khona apho umlilo uya kukutshisa; ikrele liya kukunqumla, liya kukudla njengenkumbi ekhothululayo. Zandise njengenkumbi ekhothululayo, zandise njengenkumbi eyandayo.

16Ubandisile ke abarhwebi bakho ngaphezu kweenkwenkwezi zezulu; inkumbi ekhothululayo igalelekile, yabhunyula, yabaleka yemka.

17Abaluluhle bakho banjengeenkumbi ezandayo, abathetheli bakho banjengemiqikela, ngemiqikela yeenkumbi, ezilalisa ezintangweni mhla ngengqele; lithi lingaphuma ilanga, zibaleke zimke, ingazeki indawo yazo, ukuba ziphi na.

18Balele abalusi bakho, kumkani Asiriya; zilele phantsi iingangamsha zakho; bathe phangalala abantu bakho ezintabeni, akukho ubabuthayo.

19Akuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo. Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?

Public Domain, 1859
/div>