UYobhi 17:1-16 XHB1859 - Bible AI

1Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.

2Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.

3Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?

4Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.

5Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.

6Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.

7Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.

8Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.

9Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.

10Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.

11Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.

12Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.

13Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;

14Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:

15Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?

16Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.