1Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.
2Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.
3Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.
4Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.
5UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
6Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
7Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.
8Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.
9Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
10Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.
11Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
12Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;
13Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
14Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
15Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?
16Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?
17Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;
18Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?
19Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.
20Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?
21Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise.
22Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.
23USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.
24Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.